SAKHA

Clan Praise(s)

  • Sakha, kaDonti, kaNkulumbela, kaMkhweli, kaNoqolo, Ndembese (ntombazana), kaDeyi, Mshwawu, Xhakaza, Zungu, Manzini, Nyama kayishi isha ngabaphephezeli. U-Sakha uzala uNgqotho. U-Ngqotho azale uNyavini, uNkantswini, uMathaya, noMpana. U-Sakha, uCenga, uGaya, noNyewe ngabakwaWayise bezalwa nguDonti. U-Wayise ligama lentombi yakwaCandlovu eyazala endodeni yakwaDeyi ibe ke intombi le ingatshatanga noDeyi lowo. U-Wayise ke waphuma kokwabo wakha owakhe umzi. Njengesiqhelo ke kuloo mihla umzi wentombazana engendanga wawubizwa ngegama layo, yilonto ke eyenza abantwana bayo kwathiwa ngabakwaWayise. Abanye ke abakwaWayise bathi xa bezithutha bafake nesithakazelo esithi Gqab' elimathwele/elimathende. Igqabi elimathwele/mathende sisihlambezo sakwaCandlovu. Basibiza ukubonisa intlonipho entombini yakwaCandlovu eMapheleni eyabazalayo, nokuthi umntwan' entombazana ungowakowayo ikakhulu xa engahlahlwanga. Le mbali ifakwe apha nguMsawenkosi Sakha, ozalwa nguTuzani, kaVerha, kaMnyamankomo, kaNkantswini, kaNgqotho, kaSakha. Imibuzo malunga nalembali okanye ukulungisa apho kunokulungiswa khona, ungaxhumana nam kule-dilesi kuthiwa yi email: sakham@digistat.co.za

Surnames