By: Sipho Ntambama Bhele, uDlambulo, uKhuboni, uQunta, uMafu, uLanga, uMnomana, ...uMbutho, uNcwana, unoNtanda, unoMbikazi, uNdabezitha, uNtambama, uMadiba-ndlela. Xa ndizithutha ndityenenez' umendo oya koobawomkhulu: SingamaBhel' akuloKhuboni. Iint' ezinqul' uLanga. OonoNtanda kuphakanyiswa, OonoMbikazi ngob' umnt' ongxathu akalahlwa, usengel' abantwana xa likhithika. Iint' ezidiba de zidibe nendlela. Iint' ezimpundu zinge zingangiwa. Ingab' asilo Bhele elo, makwedini, kuba laphekwa nelitye, lavuthwa ilitye lasal' iBhele. Nditsh' abadl' isikhwebu sakwamkhwekazi, kwaNoqambulo. Inyath' eyasind' abazingeli sebeyosele. Iint' ezingawudliy' umbilini wenkomo, zidl' owenyamakazi. Awu! Awu! Ndenqen' ukulisuka ngamandl' eli thwathwa, ngoba hleze libe daphudaphu, makwedini! Kunjalo ke mabandlandini amnyama Share
By: Sipho Ntambama
Bhele, uDlambulo, uKhuboni, uQunta, uMafu, uLanga, uMnomana, ...uMbutho, uNcwana, unoNtanda, unoMbikazi, uNdabezitha, uNtambama, uMadiba-ndlela. Xa ndizithutha ndityenenez' umendo oya koobawomkhulu: SingamaBhel' akuloKhuboni. Iint' ezinqul' uLanga. OonoNtanda kuphakanyiswa, OonoMbikazi ngob' umnt' ongxathu akalahlwa, usengel' abantwana xa likhithika. Iint' ezidiba de zidibe nendlela. Iint' ezimpundu zinge zingangiwa. Ingab' asilo Bhele elo, makwedini, kuba laphekwa nelitye, lavuthwa ilitye lasal' iBhele. Nditsh' abadl' isikhwebu sakwamkhwekazi, kwaNoqambulo. Inyath' eyasind' abazingeli sebeyosele. Iint' ezingawudliy' umbilini wenkomo, zidl' owenyamakazi. Awu! Awu! Ndenqen' ukulisuka ngamandl' eli thwathwa, ngoba hleze libe daphudaphu, makwedini! Kunjalo ke mabandlandini amnyama