NODADA

Clan Praise(s)

  • Abankwa Nodada isiduko sabo ngu-Ndlela. Esi siduko ikwase sabantu bakwa Zilwa nabakwa Mabindisa.AbakwaNdlela ngamaSwazi ngobuzwe.Babemi eBovini kwaNyamenja. Ebovini lapho yayingumhlaba onendlala kakhulu. Babekholisa ukuza kurhweba ukudla emHlubini, apho kwakendele intombi yakhona , uNgiyiwe ku-Bhungane. Baphelela ekuchithakalaleni kumaHlubi.Ngenkcithakalo yamaHlubi basinga eluSuthu kwaZicwalile nakwaMohale. Bafuduka kwelo basinga eHeshele kwaMhlambiso kaMthimkhulu, owaye eyinkosi eseyedwa. Behlile kwelo, beza e-Griqualand East.Namhla uninzi lwawo lukwaLuphindo, kwaMagadla, kwaMgubo, kwaMadlangala nakwa Lebenya."NgabakwaSigulaSagul' enkundleni kwaMntambose.Ohamba ngomend' unyanyaza ngenyongo yembuzi.NgabakwaMnyanyathek', ababele limnandi,Ongath' uma uhamba ngomend' unqwenele ukulikhwebula.NgabakwaNongobe zinengozi,bakwaNaka-naka ndiyakhala,abakwaHlab' indoda yanyel' emphandeni.ZiziBhekuza izala kulandelwa.NgabakwaNyathikazi, ngabakwaNodabekhuluYeyheni maNdlela! Phumani eSwaziniNize nembeleko, nize kubeleth' umntwanaUsenkundleni yamaHlubi !NgabakwaLudonga - dilika kade sinath'emaxhaphuzeni."Iziduko ZamaHlubi ; Henry Masila Ndawo ; The Lovedale Press ; 1939;  

Selected Category: N

Surnames