NDLANGISA

Clan Praise(s)

  • Ndlangisa, Thole, Gqagqane, Fingo, Welane, ulwandle aluwelwa luwelwa zinkonjane zodwa zona zimaphiko made, zicanda ulagcibe.

  • Ndlangisa, Thole, Buzini, Gqagqane  Mzimshe, Cweleka, Lwandle, Mfingo Mwelase, Mpundeshe, Mandlahlwile, mlambo awuwelwa uwelwa ziinkonjane zodwa kuba zona zibhabha phezulu, amarhwanqa ngezifuba amawasakazi ngemilenze, abaku Mpofana noThukela, umfazi obele lide owaliphosa phesheya komlambo waza umntana wamunya.

    • wooow ndaqala uziva ezi ii praises.. so oondlangisa banye or bahlukene?

  • Zulu: Ndlangisa, Duma, Mthombeni, Lwandle olungawelwa, oluwelwa zinkonjane zona ezindiza phezulu. Wena owaphekwa netshe, itshe lavuthwa, wena wangavuthwa wagongobala.

Selected Category: N

Surnames