BHELE

Clan Praise(s)

  • Bhele,uDlambulo, uKhuboni,uQunta, uMafu,uLanga, uMnomana,...uMbutho, uNcwana,unoNtanda, unoMbikazi,uNdabezitha, uMadiba-ndlela. Xa ndizithutha ndityenenez' umendo oya koobawomkhulu: SingamaBhel' akuloKhuboni.Iint' ezinqul' uLanga.OonoNtanda kuphakanyiswa,OonoMbikazi ngob' umnt' ongxathu akalahlwa,usengel' abantwana xa likhithika.Iint' ezidiba de zidibe nendlela.Iint' ezimpundu zinge zingangiwa.Ingab' asilo Bhele elo, makwedini,kuba laphekwa nelitye,lavuthwa ilitye lasal' iBhele.Nditsh' abadl' isikhwebu sakwamkhwekazi,kwaNoqambulo.Inyath' eyasind' abazingeli sebeyosele.Iint' ezingawudliy' umbilini wenkomo,zidl' owenyamakazi.Awu! Awu! Ndenqen' ukulisuka ngamandl' eli thwathwa,ngoba hleze libe daphudaphu, makwedini!Kunjalo ke mabandlandini amnyamaOkanye:Ukhuboni; umafu; umafuza afulele njengelifu, uqunta; uNdabezitha; untshangase; Umadibandlela, iINTO `wakahina.co.za`.ezidiba de zidibe nendlela; Unontanda kuphakanyiswa; Ulanga lokulunga; Umbutho; ...Umbikazi, ngob'umnt'ogxathu akalahlwa; Usengel'abantwana xa likhithika; ...unosepha ayigijimi iyakhokhoba ukubhek' eluqala, undamane; amyengane; amayekethe; Undlwana zinamaphela phez'ukwentab kalenge; othebul'ukunatha nje ngabendl'enkulu Umakhunga, unkilane; umabandla; umnomana; uncwana; uvaphi; Iintw'ezimpundu zinga zingongiwa; Amatya egoduka khon'ukuze angathinjwa lithambo lasemzini; nditsh'abaty'isikhwebu sakwamkhwekazi, kwaNoqambulo; Iintw'ezingawutyiyo umbilini wempahla, ezity'owenyamakazi yon'ihlal'emahlathini;Iinyath'ezasind'abazingeli sebezosele; Ingab'asilobhele elo, ngoba ibhele laphekwa nelitye lenyengane, lavuthwa ilitye, lasala ibhele lihleli Bulelani Mfenyana  Mahle Ndod' akwaMfenyana, utsho ndavakalelwa... Noko makhe ndityenenez' eyam imbilinisingamaBhele akwaKhuboni,lINTO `wakahina.co.za`.ezinqula uLanga,Oonontanda kuphakanyiswa,OoMbikazi ngoba umntu ongxathu akalahlwa,iBhele elimsundulo omnye emva kwendlebe ingaba mibini konakeleMangangegusha iguqile,neegusha zithi Bhele,ukuba upheka ilitye neBhele kuqala kuvuthwe ilitye lona iBhele lingekavuthwa(yilonto amBhele enenkani kangaka), kukhanya nje kungenxa yeBhelee,usbumbu ujongeleni ezantsi uza kumitha nje?amaBhele izINTO `wakahina.co.za`.eziqhwanyaza ngemaliZibunywana zibutshelezana zinga zingazingangiwa ngabakhwekazi,Bhedlana lase Lenge,amaBhele asicoco sinuka intsindwana amakrokrozela njengelifu lemvula,Mphemba abantu Bphemba ngamabele kanti abafokazana baphemba ngamaphepha,Silo sase Lenge ngwane yezixhobo zothukela,umthan' ontyingantyingana omi phezu kwentaba,Inyathi eyasinda abazingeli sebeyosele izINTO `wakahina.co.za`.ezingawudliyo umbilini wenkomo,zidla owenyamakazi   Mandlenkosi Ngubo  - ndingowase Mt FletcherAmaBhel'akwaMbikazi azichodlwana zinuk'intsindane,Abangasel'amanz'amadwala abasela amanzi eziziba ngenxa yokoyika umlomo ukungqindela, yeyeni Mabhele yidlani nigoduka ningalibali lithambo lasemzini ngoba liyalibazisa, AmaBhele azibunu ezibuthelezana ngathi zingangiwa, iINTO `wakahina.co.za`.ezintnloko ezilukhuni okwaphekwa intloko yazo nelitye lenyengane, lavuthwa ilitye yasala intloko yeBhele, uLanga lokulunga, unontanda kuphakanyiswa (bathanda ukucengwa)amaBhele ngabangawudli umbilini wempahla, badla owenyamazana yona ehlal'ehlathini, umathund'enkundleni kuvel'ithokazi, NguMnomnomani, uDlambula, uMbutho, uSonani ka Sompisi, uKhuboni, uMafu. nam makhe ndime MaBhele ndivulele abanye

Surnames